UBeaven Sibanda, odanileyo, ubuza inqwaba yemibuzo emva kokurhoxiswa komlo wakhe nentshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight uSiyakholwa Kuse, mlo lowo ubuzakubanjelwa e-Emperor’s Palace, eKempton Park, ngomhla weshumi elinesihlanu kuJuni.

Lomlo, ekukudala ufunwa ngabalandeli bamanqindi, urhoxiswe emva kwentlanganiso ebiphakathi komphathi kaKuse uMlandeli Tengimfene nosomaqhuzu weGolden Gloves uRodney Berman kuleveki.

UTengimfene ulitsolisile elokokuba ngumngcipheko ukulwa noSibanda, ongekabethwa, ingakumbi njengokuba engekho kumanqwanqwa emibutho emine ephambili kumanqindi ehlabathini, logama uKuse ekwindawo yesithandathu kwiWorld Boxing Council (WBC).

“Ndiye ndophuka intliziyo ngokwenene ukuva kwam iindaba zokokuba akasalwi nam. Besele ndilungiselele ukubonisa ukuba ndiphethe ntoni na. Kodwa ke ndabanokuqonda emva kokuva izizathu zabo,” utshilo uSibanda.

“Kodwa ke ilusizi lanto kuba bebewamkele umlo. Bebesazi ukuba ndime ndawoni na. Yintoni ebenze batshintsha emva koko? Ngokunokwam, yenye nje indlela yokubaleka le. Kudala ndibakhwaza. Ndikholelwa kwelokokuba babalekile.”

USibanda uyiphumelele yonke imilo yakhe emithandathu, enqumamisa amadoda kwemibini yawo, logama uKuse ephumelele izihlandlo ezintandathu, enqumamise amadoda amathathu, wabethwa kwemibini, wakingana komnye. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php