UMandla Ntlanganiso uchaze indlela ezakuhanjwa emva kokuba inkundla ephakamileyo yoMntla Gauteng yabagwebela kwityala elalifakwe yiNational Professional Boxing Promoters Association (NPBPA) icela umngeni ekutyunjweni kwakhe njengegunya eliyintloko kwaBoxing South Africa (BSA).

Inkundla ephakamileyo yoMntla Gauteng igwebe kwiveki ephelileyo yathi iNPBPA ayinalo ilungelo lokuthawuzisa uMphathiswa weZemidlalo uZizi Kodwa moMphathiswa weZimali u-Enoch Godongwana kwinkundla yomthetho malunga nokutyunjwa kukaNtlanganiso. 

Ethetha kuNewzroom405 ngentsasa yangoLwesibini, uNtlanganiso uthe: “Ngenene, isigwebo senkundla sazisa umtyhi omkhulu, ingekum kuphela, kodwa kuluntu lonke emanqindini. Ukuba ububonile uchulumanco novuyo olubonakaliswe ngabantu ilizwe lonke emva kokuphuma kwesigwebo senkundla.

“Lonto ibonakalise ngokucacileyo ukuba uninzi lwabantu siyabavuyisa isigqibo senkundla kuba izise umtyhi kuko konke ukudideka okwakudalwe ngabom. Sithi ngoku, siyaphambili namanqindi, kwaye ayikho into ezakusithintela kwizinto ezifanele ukwenziwa emanqindini.” 

Ephefumla ngeNPBPA ephikisana nokutyunjwa kwakhe, uNtlanganiso uthe: “Kum, apho ndihleli khona njengegosa lemisebenzi, okwangoku igunya eliyintloko, ndiyazi ukuba kukho into engaphaya. Ityala eli yinto nje yokubhida umkhondo. Kodwa ke sizakulucacisela uluntu xa sele lifikile ixesha kuba sinazo iinkcukacha. 

“Yonke into sizakuyiyekela kwiingcaphephe zomthetho kwanjengokuba bezisele zenze njalo kwelityala ukubonisa ukuba kwa ababantu abasicela umngeni abanalungelo lokwenza oko kuba kwabona bophula lomthetho abathi uMphathiswa uyawophula.” 

Kusenjalo, lenzalelwane yaseMdantsane ithe ayinangxaki nokokuba iNPBPA isithi izakufaka isibheno ngakwisigqibo senkundla.

“Sikwilizwe elilawulwa ngentando yesininzi, kwaye nabani na unako ukufikelela kwezomthetho. Ukuba ke bagqiba kwelokubhena, lilungelo labo elo, sizakudibana enkundleni,” utshilo uNtlanganiso. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php