Kuphelile ukulinda kowayesakuba yintshatsheli yehlabathi uBukiwe ‘Anaconda’ Nonina njengokuba ngelingeni ezakulwa xa equbisana noBernice Ferreira emva kwesithuba esingaphaya konyaka wagqibela ukulwa, ukholelwa ukuba uzayiphelisa yonke ingxolo eyenziwa nguFerreira. 

Lentshatsheli yamhlamnene yeWorld Boxing Federation (WBF) kudidi lwentambanani ilwa noFerreira, ongekabethwa, eWSB Arena, ePaulshof, eRhawutini, ngoMgqibelo umhla weshumi elinesihlanu. 

“Ndivuya kakhulu njengokuba ndizakulwa kwakhona. Kudala besenza ingxolo ukususela kulonyaka ophelileyo, yiyo lonto ndiwuvumile lomlo kuba ndifuna ukuvala imilomo yabo. Kufuneka iphelisiwe lengxolo,” utshilo uNonina. 

Lo izakuba ngumlo wokuqala walenzalelwane yaseKlerksdorp kususela mhla uNonina walwa ngokulingana noChiedza Homakoma waseZimbabwe ngoSeptemba 2023, logama uFerreira ebethe uSinesipho Mve ngoJuni kulonyaka ophelileyo. 

Umlo kaNonina noFerreira, oyiphumelele yonke imilo yakhe emithandathu nemithathu yayo eyiphumelele ngokunqumamisa amanye amanina, izakuba ngomnye wemilo kwitumente yamazibulo ye-Aquila Boxing Promotions. – Monwabisi Jimlongo

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php