Irhorho yembethi-manqindi yaseJapan uNaoya ‘The Monster’ Inoue, ongekabethwa, uvuke wazivuthulula emva kokuwiswa kumjikelo wesibini, waze wanqumamisa uRamon Cardenas waseMelika kumjikelo wesibhozo eT-Mobile Arena, eLas Vegas, kwelaseMelika ngentseni yangoMvulo, ngokwexesha loMzantsi Afrika.

Eziziphumo zalomlo zithetha ukuba u-Inoue uzikhusele ngempumelelo iibhanti zakhe zeWorld Boxing Council (WBC), ne-International Boxing Federation (IBF) kunye neWorld Boxing Organisation (WBO) kudidi lwejunior-featherweight. 

UCardenas ukhe wamshukumisa u-Inoue, oneminyaka engamashumi amathathu anesibini, emwisa kumjikelo wesibini. Kodwa u-Inoue ubuye ngamandla emva koko, waze wawisa uCardenas kumjikelo wesixhenxe ngaphambi kokunqandelwa kolandelayo.

Ngoku u-Inoue sele enqumamise amashumi amabini anesixhenxe kumaxhoba akhe angamashumi amathathu, logama uCardenas, oneminyaka engamashumi amabini anethoba, ephumelele imilo engamashumi amabini anesithandathu, enqumamise amadoda alishumi elinesine, waze wabethwa kwimilo emibini.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php