IKaizer Chiefs iqinisekisile ngokuhlwa kwangoLwesibini ukuba imthengisele iqela leSabah FK kwilizwe lase-Azerbaijan umdlali wayo wasemva u-Aden McCarthy.

“Singaqinisekisa ukuba sivumile ukumkhulula u-Aden emveni kokukrwecwa yiSabah FK. Sinebhongo neqhayiya kukuba ezakudlala kwimidlalo yokuzibekela indawo kwi-UEFA Champions League yesizini ezayo. Siyayazi ukuba u-Aden uzakuyiphakamisela phezulu ibhanile yAmakhosi kwilizwekazi laseYurophu, kwaye sivuya kakhulu kukumbona ekhula kwiqonga lehlabathi,” utshilo uKaizer Motaung Junior.

U-Aden, oneminyaka engamashumi amabini anesibini, ngunyana kaFabian McCarthy, owayengumdlali wasemva kwiMpumalanga Black Aces, iMaritzburg United, iMoroka Swallows, iChiefs, iMamelodi Sundowns neBloemfontein Celtic.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php