Lifumene ikhaya elitsha igqala lomdlali wasemva, uBandile Shandu, njengokuba ezibandakanye neqela laKwaZulu-Natal, iDurban City FC esuka kwi-Orlando Pirates, emva kwemini ngoLwesihlanu.
UShandu, oneminyaka engamashumi amathathu ananye nokwadlala nasesiswini, wayedlalela iMaritzburg United, esele ibizwa iDurban City, ngaphambi kokuzibandakanya neeBuccaneers ngo-2021.
“Ndichwayitile njengokuba ndizibandakanye neDurban City FC, kwaye ndifuna ukubulela umqeqeshi nabalawuli ngokubeka ithemba labo kum,” utshilo uShandu.
“Ukususela kwiincoko zam nomqeqeshi, kuye kwacaca ukuba kukho umbono kweliqela, kwaye lizimisele. Nam ndiye ndafuna ukuba yinxalenye yolohambo. Ndizimisele ukusebenzisana noogxa bam abatsha kunye nesigqeba sabaqeqeshi njengokuba silungiselela isizini entsha nje.”