Emva kwamatiletile okuzama ukutyikitya uLangelihle Phili, ngelingeni iKaizer Chiefs ide yamtyikitya lomdlali evela kwiStellenbosch FC emva kwemini ngoMvulo.

“IKaizer Chiefs ichwayitile kukubhengeza ukuba umdlali wasephikweni, uLangelihle Phili, utyikityile evela kwiStellenbosch FC,” atshilo Amakhosi.

UPhili uzibandakanye neChiefs emva kokudlala kakuhle kakhulu kwiStellies kulesizini ephelileyo. Wade waba ngumfaki wamanqaku ophambili emva kokungcangcazelisa umnatha izihlandlo ezilithoba.

Kusenjalo, lomdlali, oneminyaka engamashumi amabini ananye, waphumelela iplayer of the season neplayers’ player of the season.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php