Iqela elizinze kwiCape Winelands, iStellenbosch FC, ibhengeze ukubuyela ekhaya kwefolosi, u-Ashley du Preez, evela kwiKaizer Chiefs emva kwemini ngoLwesibini.

UDu Preez, oneminyaka engamashumi amabini anethoba nowazalelwa e-Idas Valley, eStellenbosch, washiya iStellies wayokuzibandakanya neChiefs ngaphambi kokuqala kwesizini ka-2022/23.

UDu Preez waqala ukudlalela iStellies ngo-2016, kwaye wadlala imidlalo engamashumi alithoba nesibhozo kukhuphiswano ngokhuphiswano kwiminyaka emithandathu awayichitha kweliqela.

“Ndandisazi ukuba ndizakubuyela kwiStellenbosch. Kumnandi kakhulu ukubuyela apho ndakhulela khona nakwiqela, apho yaqala khona yonke into nokuba yinxalenye yosapho lwaseStellenbosch kwakhona,” utshilo uDu Preez.

“Uluntu lundazi kakuhle, kwaye lwandixhasa ndisaqala ukudlala kudidi lwabahlawulwayo, ngoko ke yinto enkulu kum nelungelo elilodwa ukudlalela eliqela. Kumnandi kakhulu ukubuyela ekhaya.”

Ingqonyela yeStellies, uRob Benadie, uthethe wathi: “U-Ashley ebesoloko enobudlelwane obubodwa neliqela kunye noluntu lwaseStellenbosch, ngoko ke sichwayite kakhulu njengokuba simbuyisele ekhaya.”

Kulindeleke ukuba uDu Preez adlale xa iStellies sidlala nePolokwane City kumdlalo weBetway Premiership eSeshego Stadium, ePolokwane, ngoLwesibini kuleveki ezayo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php