Umlo wangeCawa phakathi kwembethi-manqindi yaseJapan uKazuto Ioka noFernando ‘Pumita’ Martinez wase-Argentina udale umdla kumanqindi oMzantsi Afrika.

Injinga yoMzantsi Afrika ne-IBF International kudidi lwejunior-bantamweight uPhumelela “The Truth” Cafu kunye nomlawuli okwangumqeqeshi wakhe uColin ‘Nomakanjani’ Nathan banomdla omkhulu kulomlo.

U-Ioka, oyintshatsheli yeWBA, nenjinga ye-IBF kudidi lwejunior-bantamweight uMartinez bazakulwela eRyogoku Kokugikan Arena eTokyo kwelaseJapan. 

UCafu oyinzalelwane yaseDuncan Village, obekwa kwindawo kwi-IBF nakwindawo yesithathu kwiWorld Boxing Organisation (WBO), uzimanye neNO DOUBT Management kutsha nje, kwaye ngoku unomthelekisi onguLarry Wainstein weBoxing 5 Promotions.

“Sele sinecebo lokumlwisa ngoSeptemba uPhumelela, kodwa konke oko kuzakuxhomekeka kweziveki zimbalwa zizayo,” utshilo uWainstein. 

Ethetha ngokuba ngubani na acinga ukuba uzakuphumelela ngeCawa, uCafu uthe: “Ndicinga ukuba u-Ioka uzakumnqumamisa uMartinez kuba uMartinez uyathanda ukuza phambili. Akazikhuseli kakuhle.” 

Kusenjalo, uNathan uthethe wenjenje ngamathuba kaCafu: “Konke kuzakuxhomekeka ukuba ngubani na ophumelelayo kwakunye ke neziveki zimbalwa zizayo. Kodwa ke sijonge ekumnikeni umlo ozakumgcina exakekile okanye akhusele intshinga yakhe yoMzantsi Afrika okanye umlo wemijikelo elishumi. Ndicinga ukuba eziveki zimbalwa zizayo zizakunikisa umdla.”

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php