Umlo wentshinga yoMzantsi Afrika nekwafuneka ukuba uye kubalamli ngaphambi kokuba uvunywe ude ngelingeni wabekelwa umhla wawo KuGompo City njengokuba uBongani Fule ezakucela umngeni kwinjinga yelizwe kudidi losiba uLindelani Sibisi eJan Smuts Stadium ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesithathu kuMeyi.

Ekuqaleni, uFule kwakufanele ukuba wacela umngeni kuSibisi e-Estcourt, Kwa-Zulu-Natal, kulenyanga ephelileyo, kodwa awuzange ubekhona umlo ngenxa yokokuba amalungiselelo kaSibisi aphazanyiswa lucelo-mngeni lomphathi weXaba Promotions u-Ayanda Matiti owayewulwisa lomlo lowo. UMatiti wayefuna ukuba uSibisi akhusele intshinga yakhe kwintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight uSiyabulela Hem. 

Ngoku uSibisi ubuyela KuGompo City, indawo apho washiya khona ophule iintliziyo zabalandeli bamanqindi emva kokuthabatha intshinga kuZolisa Batyi, awamnqumamisa kumjikelo weshumi. 

“Sisityikityile isivumelwano sokulwa noSibisi. Ndinengqiniseko yokokuba uFule uzakuphumelela abeyintshatsheli entsha ngomhla wamashumi amabini anesithathu kuMeyi, suku olo olungumhla wokuzalwa konyana wam uLubambo njengokuba ezakufinca iminyaka elithoba,” utshilo umlawuli kaFule, u-Andile Mshumpela. 

Lomlo uza emva kolamlo olwathi uSibisi makakhusele intshinga yakhe kuFule endaweni yokulwa noHem, owayevunywe yikomiti evuma nekhaba imilo kwaBoxing South Africa (BSA).  

Kusenjalo, le yiletumente enye apho uNhlanhla Tyirha, owayeyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight, azakulwa noNhlakanipho Kunene kwintshinga ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lweminimumweight. 

Intshatsheli yamhlamnene eMzantsi Afrika nakwi-IBO kudidi lwelightweight uXolisani ‘Nomeva’ Ndongeni uzakulwa okokugqibela njengembethi-manqindi ehlawulwayo xa equbisana noSanele Msimang kwakuletumente enye. 

Komnye umlo, uSiseko Teyisi uzakulwa nommi wasePhilippines uNeel Jacamos kwintshinga engenamntu yeWorld Boxing Council (WBC) Youth kudidi lwejunior-flyweight. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php