U-Asanda Simelane uphoxeke umanzi emva kokusebenza nzima iiveki ngeeveki elungiselela umlo wakhe noSibulele Soboois, mlo lowo othe wachithwa kushiyeke nje iiyure ezingamashumi amabini anesibhozo ngaphambi kokuba ubekho.
USimelane, oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe, ebezakulwa noSoboois kumlo wentshinga ye-African Boxing Union (ABU) SADC kwicandelo labasetyhini kudidi lwempukane eGrand West Casino, eGoodwood, eKapa, kuloMgqibelo ogqithileyo.
“Kusothuse kakhulu ukumiswa kwetumente. Ekuqaleni, bendingakholelwa de umqeqeshi wam wathi “idla, usele namanzi ukuze ubuyise amandla”. Iyatyhafisa into yokusebenza nzima iinyanga ezimbini ukungiselela umlo, kwaye ibingengomlo nje lowa, ibingowentshinga, ungawubona umahluko,” utshilo uSimelane.
USimelane, oyinzalelwane yaseBadplaas eMpumalanga, wongeze ngelithi: “Ndaye ndaqonda ngethuba umiswa okokuqala umlo, kodwa kunzima kwesisihlandlo. Basixelele ukuba itumente iyamiswa, ngoko ke sinethemba lokokuba bazakusinika omnye umhla womlo kungekudala.”
USimelane, ozinze eMarikana, eRustenburg, kwiphondo loMntla Ntshona wala ukulwa kwezinye iitumente njengokuba wayefuna ukugxila kumlo noSoboois.
“Abanye abathelekisi bebefuna ndilwe kwiitumente zabo, ndala kuba bendizakulwela intshinga ye-ABU, kodwa jonga ngoku iitumente zabo zigcwele, abakwazi nokundifaka kuzo. Ndizakulinda iFighters Club isinike mhla wumbi,” uSimelane uphefumle watsho.
USimelane akakalwi ukususela mhla wabetha uNozwelethu Mathontsi ngamanqaku kumlo weWorld Boxing Organisation (WBO) Africa kwicandelo labasetyhini kudidi lwempukane ngoSeptemba kulonyaka ophelileyo. – Monwabisi Jimlongo