UNhlanhla ‘Mount Kilimanjaro’ Tyirha uthi uMpumelelo Tshabalala makakhwaze yena, endaweni yokukhwaza uSivenathi ‘Special One’ Nontshinga, oyintshatsheli yehlabathi isihlandlo sesibini. 

UTyirha ukuthethe oku emva kokuba uTshabalala ethe ufuna ukulwa noNontshinga, oyinjinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi lwejunior-flyweight, ngethuba esenza udliwanondlebe nenkqubo iTKO Boxing Magazine kuSABC 2 ngoLwesihlanu weveki ephelileyo.  

Ngoku uTyirha ukholelwa ukuba ukulungele ukulwa noTshabalala, oyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight. 

“Ufuna ntoni kuNontshinga ndikhona? Makangakhwazi abantu abaphaya phezulu. Makaqale apha kum ngaphambi kokucinga ngoNontshinga. Singalwa, nkqu nokuba yimijikelo elishumi. Ingangumlo omhle kakhulu lowo,” utshilo uTyirha.

Lenzalelwane yaseMdantsane, eyayiyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight, ayikalwi okokoko yangqengqiswa kumjikelo wesibhozo ngummi waseMalawi, uGeorge Kandulo, e-International Convention Centre (ICC), eMonti, ngoJulayi wonyaka ophelileyo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php