Isigwebo esikhutshwe yinkundla ephakamileyo ePitoli ngoLwesibini sizakuba neziphumo ezichaphazela izinto ezininzi malunga neNational Professional Boxing Promoters Association (NPBPA). 

Kungoku nje abathelekisi abazibiza ngeJustice For All in Boxing South Africa bamemelela ukuba kukhwetywe inkomfa yolonyulo, apho bazakonyula khona iinkokheli ezizakulandela imigqalisela yeBoxing Act. 

Inkundla ephakamileyo igwebe ngelithi iNPBPA ibingenalo igunya ngokusethethweni lokuyokuthawuzisa uMphathiswa weZemidlalo uZizi Kodwa, uMphathiswa weZimali u-Enoch Godongwana, uBoxing South Africa (BSA) noMandla Ntlanganiso enkundleni.

INPBPA ise uKodwa, uGodongwana, iBSA noNtlanganiso enkundleni icela umngeni ekutyunjweni kukaNtlanganiso njengegunya eliyintloko kwaBSA. 

“Uluvo lwethu lolokokuba kufuneka sikhwebe inkomfa yolonyulo emva kokuba uBSA eziphumezile iimpepha zethu zobuthelekisi ukuze sizokuba nelizwi emanqindini. Ndicinga ukuba indlela imhlophe malunga neenkqubo emazilandelwe ukususela ngoku. Kufuneka siye kwinkomfa yolonyulo ngokukhawuleza emva kokuba ziphunyeziwe izicelo zethu,” ilungu leJustice for All in Boxing South Africa, uJackie Brice weJackie Brice Boxing Promotions, utshilo. 

Iinkokheli zeNPBPA ezikhokelwa ngu-Ayanda Matiti njengosihlalo, nezifedileyo ukulandela imigqalisela yeBoxing Act, zonyulwa eThekwini ngo-Okthobha 2022. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php