Njengokuba bekusele kubhaliwe ekuqaleni kweveki, umdlalo owandulela owokugqibela kwiNedbank Cup phakathi kweChippa United ne-Orlando Pirates uzakudlalelwa eNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha, ngoMgqibelo umhla wesine kuMeyi.

Ezinkcukacha malunga nomhla kunye nendawo yomdlalo owandulela amagqibelakankqoyi ziqinisekiswe yiPremier Soccer League (PSL) emva kwemini ngoLwesine.

IPSL iphinde yaqinisekisa ukuba omnye umdlalo ophakathi kweStellenbosch FC neMamelodi Sundowns uzakudlalelwa eDanie Craven Stadium kwiCape Winelands ngeCawa umhla wesihlanu kuMeyi.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php