IChippa United idlale ngokulingana ngamanqaku amabini macala neMarumo Gallants kumdlalo weBetway Premiership eBuffalo City Stadium, eMonti, ngoMgqibelo ngokuhlwa.
IGallants iphale phambili ngomzuzu weshumi elinesihlanu emva kokuba u-Edgar Manaka efake ibhola ebisuka echaphazeni. Kodwa inqaku elifakwe ngentloko nguBievenu Eva Nga liye lalinganisa kwimizuzu esixhenxe emva koko.
Umdlali wasemva uJustice Chabalala ufake inqaku lesibini ngomzuzu wamashumi amane anesibini, eqinisekisa ukuba iiChilli Boys zihlaba ikhefu ziphala phambili.
IGallants iye yavelelwa lilishwa ngethuba uMasindi Confidence Nemtajela efumaneka ikhadi elibomvu ngexesha elongezwe ngusompempe.
Ukanti, igqala lefolosi neliyinzalelwane yaseMalawi uGabadinho Hellings Mhango ufake inqaku lokulinganisa ngentloko ibhola igqitha kunozinti weeChilli Boys uDarren Johnson ngomzuzu wamashumi amahlanu anesihlanu.