Umqeqeshi kaThabiso ‘The Rock’ Mchunu uSean Smith unethemba lokokuba imbethi-manqindi yakhe izakuvuselela amanqindi ayo njengokuba besingisa kwelaseRussia ngoLwesihlanu, apho azakulwa khona nommi waseRussia uMuslim Gamzatovich Gazhimagomedov. 

Lenzalelwane yakwaXimba KwaZulu-Natal, eneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu, ilwa noGazhimagomedov eLuzhniki, eMoscow, ngoLwesihlanu kuleveki ezayo. 

“Amalungiselelo ahambe kakuhle. Ngokucacileyo, asikhange sibesenkampini iiveki ezisibhozo. Khumbula ukuba uThabiso ubethwe kuyo yomibini imilo yakhe yokugqibela,” utshilo uSmith.  

UMchunu, oyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwecruiserweight, wabethwa ngowayeyintshatsheli yeWorld Boxing Council (WBC) u-Ilunga Junior Makabu waseDemocratic Republic of Congo (DRC) nommi wase-Argentina uYamil Alberto Peralta kwimilo yakhe emibini yokugqibela.

Ngethuba elungiselela umlo noGazhimagomedov, uMchunu uziqeqeshe kunye nowayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwanzima uKeaton Gomes no-Akani Phuzi. 

“UThabiso usemandleni, kwaye uyayazi ukuba kufuneka enze ntoni na. Kufuneka anyathele kakuhle njengokuba sisilwa nembethi-manqindi enesakhono nenemilo emihlanu. Izakuba ngumlo onzima. Ukuba uThabiso wenza kakuhle, uzakumbetha lamfana,” uphefumle watsho uSmith. 

Kusenjalo, uGazhimagomedov, ongekabethwa nowaphumelela imbasa yesilivere kwimidlalo ye-Olimpiki eTokyo kwelaseJapan, uyiphumelele yomihlanu imilo yakhe, emithathu eyiphumelela ngokunqumamisa amadoda. 

UGazhimagomedov, oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo, waphumelela imbasa yegolide kwii-2019 World Championships nakwii-European Games. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php