ULindokuhle Khuzwayo uzakuthi cakatha eqongeni kwakhona njengokuba ezakulwa nowayesakuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi losiba uJeff Magagane eRhawutini ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini ananye kuJuni.
UKhuzwayo, ongekabethwa emva kokuyiphumelela yomithandathu imilo yakhe, emine yawo eyiphumelele ngokunqumamisa amadoda, uya kumlo noMagagane emveni kokunqumamisa uSithembiso Maduna kumjikelo wesibini ePitoli kuleveki ephelileyo.
Kwelinye icala, uMagagane uzakulwa okokuqala ukususela mhla wabethwa ngummi wasePortugal uPedro Manuel Gomes eLisbon kwelasePortugal ngoDisemba 2023.
“Akukho kubuya ngamva. Sibheka phambili. Kudala ndathi ndifuna ukukhuphisana kwizinga lamazwe ngamazwe. Lo mlo uzakundibonisa ukuba ingaba ndikulungele na oko okanye hayi,” utshilo uKhuzwayo.
Lo mlo ophakathi kukaKhuzwayo noMagagane, owahluthwa intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kudidi losiba nguZolisa Batyi ngoDisemba 2022, uthelekisa imbethi-manqindi enamava nengenamava. – Monwabisi Jimlongo