Into yokokuba ibhanti yentshinga yoMzantsi Afrika sele iyeyakhe ngoku ayithethi ukuba uZolisa Batyi akasayilambelanga impumelelo eqongeni. 

UBatyi ufuna ibhatyi eluhlaza kaBoxing South Africa njengokuba ezakukhusela intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kudidi losiba isihlandlo sesihlanu xa esilwa noLindelani Sibisi waKwaZulu-Natal eMonti ngeCawa umhla wamashumi amabini anesihlanu kuMeyi. 

“Ndikwinkampu yokuzilolonga, kwaye ndisebenza nzima. Ndizakuphumelela kwakhona. Ndizakube ndisilelwa ukuzuza ibhatyi eluhlaza ukongeza kwibhanti yam,” utshilo uBatyi.  

Lentshatsheli yayiyenye yeembethi-manqindi ezafumana iibhanti zazo kumcimbi owawuququzelelwe liSebe leZemidlalo, ubuGcisa neNkcubeko eFreedom Park, ePitoli, ngoMatshi. 

UBatyi waphumelela intshinga yoMzantsi Afrika ngethuba wayenqumamisa uJeff Magagane kumjikelo wesibini eNgoako Ramatlhodi Sports Complex, eSeshego, ePolokwane, ngoDisemba 2022. Yayisisihlandlo sesibini uBatyi elinga ukuphumelela lentshinga njengokuba wabethwa ngu-Asanda Gingqi kwisihlandlo sokuqala. 

UBatyi waseLuxolweni, eNxarhuni, ukhusele intshinga yakhe ngokulwa ngokulingana nokuphinda abethe u-Abdul-Aziz Kunert. Ukanti ke, waphinda wabetha uYamkela Phaliso noLucky Hobyane. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php