Iqela elizinze kwiCape Winelands, iStellenbosch FC, iqhubela phambili ngokuxabangela njengokuba ityikitye uTerrence Mashego ngemboleko evela kwiMamelodi Sundowns kusasa ngoLwesibini.
“UTerrence ngumdlali osele edlale kumgangatho ophezulu ekhaya nangaphandle, kwaye sikholelwa ukuba unesakhono sokudlala kwiqela lethu. Sichwayitile njengokuba simamkela kweliqela,” itshilo ingqonyela yeStellies uRob Benadie.
UMashego, oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo, uzibandakanye neStellies emva kokuchitha lesizini ephelileyo ngemboleko kwiDurban City, kwaye wayeyinxalenye yeqela elaphumelela iNedbank Cup.
Kusenjalo, iStellies sikwatyikitye nomdlali wasesiswini, owayedlala kwiMoroka Swallows neSanjoanense, uGeorge Matlou, okhululwe yiKaizer Chiefs kulenyanga ephelileyo.