U-Uzuzole Goqwana uvele kwiNkundla kaMantyi yaseMdantsane ngoMvulo ngokwayamene nokubulawa ngoLwesihlanu kukaZolani ‘Last Born’ Tete, nowayeyintshatsheli yehlabathi. 

UGoqwana waseMdantsane noneminyaka engamashumi amabini anesibini, ohleli kwisitulo esinamavili, ujamelene nezityholo ezimbini, esokubulala nesokuzama ukubulala. 

Elityala limiselwe uLwesibini, apho uGoqwana azokuba semkhumbini kunye nabanye abarhanelwa ababini, abanqakulwe bagityiselwa ngaphaya kwezitshixo ngokuhlwa kwangeCawa. 

Abarhanelwa ababegungxe oothula-ndivile badubule uTete, obeneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo, bambulala kufutshane nekhaya lakhe ngethuba ebevelokuzilolonga ngoLwesihlanu weveki ephelileyo. UTete ebelungiselela ukubuyela eqongeni ngomhla wamashumi amabini anethoba kuNovemba emva kokugqiba isigwebo seminyaka emine kulenyanga ephelileyo. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php