Uzakubuyela eqongeni uSharadene Fortuin kanye nje emva kweenyanga ezintlanu wayikhusela ngempumelelo intshinga yoMzantsi Afrika kwicandelo labasetyhini kudidi lwentambanani njengokuba ezakulwa no-Alice Mbewe waseZimbabwe kulenyanga ezayo.
UFortuin uzakulwa noMbewe kumlo wentshinga engenamntu kwiWorld Boxing Council (WBC) International kwicandelo labasetyhini kudidi lwentambanani eJan Smuts Stadium KuGompo City ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesithathu kuMeyi.
Lenzalelwane yaseMpofu neqeqeshwa nguLonwabo Witbooi KuGompo City izakuya kumlo noMbewe emva kokubetha uThema Zuma ngamanqaku eKapa ngoDisemba kulonyaka ophelileyo. Yayisisihlandlo sesithathu uFortuin eyikhusela ngempumelelo intshinga yakhe yoMzantsi Afrika.
Ngaphambi kokulwa noZuma, lenjinga yamhlamnene kwi-International Boxing Organisation (IBO) Intercontinental kudidi lwentambanani, yayigqibele ukulwa kwisithuba esingaphaya kweminyaka emibini njengokuba yabetha uPatience Mastara waseZimbabwe ngoSeptemba 2023.