Ibesisiqalo esibi kwiBanyana Banyana njengokuba yothuswe ziiTwiga Stars zaseTanzania, ziyiquthisa ngamanqaku amabini kwelinye kumdlalo wokuvula kaGroup B kwi-2026 Women’s Africa Cup of Nations eMoulay Rachid Stadium, eCasablanca, kwelaseMorocco ngokuhlwa kwangoMvulo.
IiTwiga Stars ziphale phambili ngethuba uDiana Msewa ebetha ibhola entle egqithe kunozinti weBanyana, u-Andile Dlamini.
UBambanani Mbane ufake inqaku lokulinganisa, saze isiqingatha sokuqala saphela lamaqela mabini entanga nye ngenqaku macala. UHasnath Ubamba uqinisekise ukuba iiTwiga Stars ziyaphumelela ngethuba efaka inqaku lesibini ekuzeni kuphela komdlalo.
Kusenjalo, ngoku iBanyana izakudlala ne-Ivory Coast kumdlalo olandelayo nongowesibini ngokuhlwa kwangoLwesihlanu.