Iintshatsheli zeBetway Premiership, i-Orlando Pirates, iqinisekisile kusasa ngoLwesithathu ukuba ityikitye umdlali wasesiswini, uThapelo Mokobodi, notyikitye isivumelwano sengqesho seminyaka emithathu, evela kwiqela laseCape Winelands, iStellenbosch FC.

UMokobodi, oneminyaka engamashumi amabini anesithathu, uzakumanyana kwakhona no-Abdesalam Ouaddou, owayemqeqesha kwiMarumo Gallants.

“Ndonelisekile kukuba lapha, kwaye ndijonge phambili ukuba ndidibane nabanye abadlali. Lithuba elikhulu ukudlalela eliqela, kwaye sele ndilungele ukusebenza. Ndifuna ukuba negalelo elimandla,” utshilo uMokobodi.

Lomdlali omtsha weeBuccaneers udlale imidlalo engamashumi amabini anesibhozo kwiStellies nengamashumi amabini anesihlanu kwiiGallants.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php