UMadoda ‘One More Time’ Dyonase uve ubuhlungu, kwaye udanile kukuchithwa komlo wembethi-manqindi yakhe uPhaphama Rhonorhono noJabulani Makhense, obuzakubanjelwa e-Event City, eMiddelburg, eMpumalanga ngoMgqibelo.  

Lomlo wentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwewelterweight uchithwe emva kokuba uMakhense oyisakele ukwenza ubunzima bodidi lwewelterweight. Endaweni yokuthoba ubunzima, uMakhense uthe ngqe ukuyokungena kwindawo ethengisa ukutya.

“Imbi kakhulu lento eyenziwe nguMakhense, kwaye indivise kabuhlungu. Sichithe imali eninzi silungiselela lomlo. Ingaba kukudelela ukuba ndingathi sidanile, kuba lento ingaphaya kokudana,” utshilo uDyonase. 

Ibisisihlandlo sesibini umlo kaRhonorhono noMakhense uchithwa ngomzuzu wokugqibela. Kwenzeka kwa into ekumila kunje kulenyanga ephelileyo njengokuba babefanele ukulwa eMalamulele. 

Kusenjalo, uRhonorhono, oyinzalelwane yaseMthatha, akakalwi ukususela mhla waphumelela intshinga yoMzantsi Afrika ngokunqumamisa uWasim Chellan waseKapa kumjikelo wesibini ngoSeptemba nyakenye.

Okunikisa umdla kukuba uChellan sele elwe izihlandlo ezintathu ukususela mhla wabethwa nguRhonorhono, kwaye uwanqumamise omathathu lamadoda wawabethayo. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php