Category: Boxing

UMCHUNU UWE NGANENO EBETHWA NGUPERALTA

Imbethi-manqindi yase-Argentina, uYamil Alberto Peralta Jara, ubatsho bathi cwaka abalandeli bamanqindi eMzantsi Afrika, ebetha intandane uThabiso ‘The Rock’ Mchunu e-Olive Convention Centre, eThekwini, ngenj’ixukuxa ngoMgqibelo. UPeralta woyise uMchunu ngamanqaku njengokuba…

‘SIFUNA UYISE OKANYE UNYANA’ – TOWEEL 

Umqeqeshi wamanqindi ozinze eRhawutini, u-Alan Toweel, ufuna intshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight, uBongani ‘Wonderboy’ Mahlangu, nonyana wakhe uBheki Maitse. UToweel ufuna imbethi-manqindi yakhe uVusumuzi Ngcamu acele umngeni kuMahlangu okanye alwe…

UNATHAN WANDISA UMMANGO WAKHE 

UColin ‘Nomakanjani’ Nathan uwandisile ummango wakhe kwakhona, efumana iimpepha zokusebenza njengomlawuli weembethi-manqindi kwelinye ilizwe kwilizwekazi i-Asiya kwiinyanga nje ezintandathu wafumana ilayisenisi yokusebenza eJapan. UNathan, ongumqeqeshi omkhulu eHotbox Gym eRhawutini, ngoku…

UMTOLO UTHABATHEKILE NGUTYIRHA, KODWA… 

Kungenzeka ukuba uNhlanhla ‘Mount Kilimanjaro’ Tyirha akanaxesha lide esebenza nomqeqeshi wakhe omtsha, kodwa uVusi Mtolo uthabathekile ngulomfana owayesakuba yinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight nangona nje esithi kusekuninzi okusafuneka bekwenzile. Lenzalelwane…

UMAGAGANE UGAGANA NOMFILIPINO

UJeff Magagane, owayesakuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi losiba, ufumana ithuba lokulungisa izinto emva kokuphulukana nemilo yakho emibini yokugqibela njengokuba ezakulwa noJonJon ‘Wolverine’ Estrada wasePhilippines kuleveki ezayo. Emva kokubethwa kabini kwimilo…

css.php